1: YAZI

Inyathelo 1: YAZI

Yazi iGospeli kwaye usiqonde ngokupheleleyo isigqibo sakho sokulandela uYesu.

 

Yintoni iGospeli?

I-“Gospeli” ziindaba ezilungileyo malunga noYesu – zokuba kuba wazithabatha iizono zehlabathi, singabanabo ubudlelwano noThixo

 

Ewe. Unganabo ubudlelwane noThixo! Kwaye nokuba ziintoni iimpazamo ozenzileyo, uThixo uyakumema ukuba ungene kusapho Lwakhe.

 

Nantsi iGospeli, ibali lokuba uThixa wakuhlangula njani esonweni:

 

IGospeli

UThixo wenza ihlabathi nayo yonke into ekulo. Ekuqalekeni, amadoda kunye namabhinqa babenobudlelwane noThixo, uthando ibiyeyona nto ingundoqo kuko konke, kwaye izinto zazilungile.

 

Kodwa ke, oba budlelwane batshintsha xa umntu wamona uThixo. Ngala mzuzu abantu babengamthobeli uThixo, xa aba badaliweyo begqiba kwelokuba bazi ngcono kunoMdali, kuxa isona kunye nokufa zingena ehlabathini. Ngalo mzuzu, amadoda namabhinqa ohlukana noThixo.

 

Ifuthe leSono

La mzuzu wokwahlukana noThixo kuthiwa “kukuwa” kwaye ungafunda ngako nangakumbi kwiGenesis 3 (ekuqaleni eBhayibhileni)

 

Emva koku kuwa, abantu bazama ukugcwalisa lo mngxuma umile njengoThixo ezintliziyweni zabo ngazo zonke iikumkani zezinto: ngoothixo bobuvuvu, ngeendebe, ngemali, ngezesondo, ngemfazwe nangokufezikisiweyo ngumntu. Akukho nanye kuzo eye yasebenza kwaye kangangeenkulungwane, amadoda namabhinqa azihlalela esonweni sawo kungekho nayiphi indlela yokuzihlangula.

 

Eneneni, ihlabathi lethu namhlanje lisachatshazelwa sisono. Ihlabathi lizele bububi, izifo kunye nokufa – zonke iimveliso zesono. Kwaye abantu basazama ukugcwalisa la mngxuma wabo umile njejongoThixo ngezinye izinto ezingengoThixo.

 

Linjali eli hlabathi uzelelwe kulo. “Bubugwenxa benu,” wabhala watsho umprofeti uIsaya, “obunahlukinisileyo noThixo. Ngenxa yezono zenu, ubusithelisile ubuso bakhe kuni, ukuba angevi” (kuIsaya 59:2).

 

UPawulose, umtyali webandla lokuqala wabhala wathi, “kuba bonile bonke, basilelela eluzukweni lukaThixo” (kwabaseRoma 3:23)

 

Asinakho Ukuzilungisa Ngokwethu

Amadoda namabhinqa akakwazi ukuyilungisa ngokunokwawo ingxaki yawo yesono.

 

UThixo uyayazi loo nto.

 

Ngoko, Waya wathumela uYesu ukuze abahlangule abantu baKhe. UYohane, umhlobo kaYesu osenyongweni, wabhala wathi “Ubawo wamthuma uNyana wakhe ukuze abe ngumhlanguli wehlabathi.” Ngexesha uYesu esifa emnqamlezweni,

1. Wasithabathela kuYe isohlwayo ebesisifanele ngezono zethu
2. Waxolela waze wagquma isono somntu wonke – esidlulileyo, esangoku, esexesha elizayo.
3. Wenza amadoda namabhinqa akwazi ukuba nobudlelwane noThixo kwakhona. Ngoba? Xa uThixo ejonga ebantwini, Ubona amadoda namabhinqa angenasono – ngenxa yoko kwenziwa nguYesu emnqamlezweni.

 

Iindaba ezimnandi zeGospeli kukuba uYesu weza kweli hlabathi ukuze ohlule isono nokufa unaphakade aze anikezele ngobomi obungunaphakade kuye wonke okholelwa kuYe. Ziindaba ezimnandi ezo!

 

UPawulose, umtyali webandla, wayithetha olu hlobo: “Kuba umvuzo wesono kukufa; ke sona isibabalo sikaThixo bubomi obungunaphakade, kuKristu Yesu iNkosi yethu” (kwabaseRoma 6:23).

 

Isibabalo sikaThixo

Ngoko basifumana njani abantu abanesono isibabalo sobudlelwane obungunaphakade noThixo? Ilula loo nto. NgoKholo! Kholelwa nje ukuba uYesu nguMsindisi uze ukutsho oko ngokuvakalayo. UPawulose wabhala wathi, “Ngokuba, xa uthe wamvuma ngomlomo wakho ukuba uyiNkosi uYesu, wakholwa ngentliziyo yakho ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa.” (KwabaseRoma 10:9).

 

Ukuba wenze isigqibo ngoku sokuba ngumlandeli kaYesu, yenza lo mthandazo kuThixo:

 

“Thixo othandekayo, ndicela uxolo ngezinto ezingalunganga endizenzileyo ebomini bam. Enkosi ngesipho esingunyana wakho, uYesu. Ndiyakholelwa ekubeni Wandifela kwaye Uyaphila. Ndiyakholwa ukuba ngenxa Yakhe, ndixolelwe kwaye ndakhululwa kuzo zonke izono zam. Ndikulungele ukuphilela wena. Nceda ungene ebomini bam uze undizalise ngoMoya oyiNgcwele. Hlala nam unaphakade. Ndiyabulela ngokundimemela kwakho kusapho lwakho! Ngegama likaYesu, Amen.

 

Wamkelwe

Namhlanje, ukuba uwenzile la mthandazwana ulula, uxolelwe kwaye wamkelwe kusapho lukaThixo ngenxa yoko wakwenzelwa nguYesu. Ubudlelwane bakho noThixo buye babuyiselwa kwisimo sabo, ngoku usisidalwa esitsha, kwaye isono asisakohlukanisi noThixo.

 

Ungayethemba le nyani yeBhayibhile: “Ngoko ke, ukuba ubani ukuKristu, usisidalwa esitsha; Izinto ezindala zidlule; bonani ke, zisuke zaba ntsha izinto zonke zakhe” (KwabaseKorinte II, 5:17).

 

Wamkelekile kuSapho lukaThixo!

 

Masiyenze Lula:

 

Imixholo ebalulekileyo emi-4 evela kwiGospile

 

Nantsi imixholo ebalulekileyo emine evela kwibali leGospile lokukunceda uyikhumbule nendlela eyenza umahluko ngayo ebomini bakho:

 

1. Uthando

UThixo uyakuthanda kwaye unecebo ngawe.

 

IBhayibhile ithi, “Kuba wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade” (uYohane 3:16). UYesu wathi, “Mna ndizele ukuze babe nobomi, babe nabo ke ngokugqithisileyo” – ubomi obupheleleyo obuzele yintsingiselo (uYohane 10:10).

 

2. Sahlukene

Sinezono kwaye sahlukene noThixo

 

Sonke siye senza, sacinga okanye sathetha izinto ezigxwenxa, eye iBhayibhile ithi “sisono”. IBhayibhile ithi, “kuba bonile bonke, basilelela eluzukweni lukaThixo” (kwabaseRoma 3:23). Umvuzo wesono kukufa, ukohlukana noThixo ngokwasemoyeni (kwabaseRoma 6:23).

 

3. UYesu

UThixo wathumela uYesu ukuze afele izono zethu.

 

Ezi ziindaba ezilungileyo: UYesu wasifela ukuze sibe nobudlelwane noThixo kwaye sihlale naYe unaphakade. “ke yena uThixo uqondakalisa okwakhe ukusithanda ngokuthi, sakubon’ ukuba sisengaboni, uKristu asifele” (KwabaseRoma 5:8).

 

Kodwa akuzange kuphelele ngokufa kwaKhe emnqamlezweni. Wavuka kwakhona kwaye usaphila!

 

“uKristu wazifela izono zethu … wangcwatywa, nokokuba uvukile ngomhla wesithathu ngokwezibhalo” (KwabaseKorinte I, 15:3-4)

 

UYesu kukuphela kwendlela eya kuThixo.

 

UYesu wathi, “Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi; akukho namnye uzayo kuBawo, engezi ngam” (uYohane 14:6).

 

4. Thandaza

Thandaza ukuze uxolelwe nguThixo.

 

Ukuthandaza kukuthetha nje noThixo. Uyakwazi. Into ebalulekileyo yindlela engayo intliziyo yakho kunye nokunyaniseka kwakho. Thandaza umthandazo ololu hlobo ukuze wamkele uYesu njengoMsindisi wakho:

 

“Yesu Kristu, ndicela uxolo ngezinto ezigxwenxa endizenzileyo ebomini bam. Enkosi ngokundifela eMnqamlezweni, ngokundikhulula ezonweni zam nangokundixolela namhlanje. Nceda ungene ebomini bam uze undizalise ngoMoya oyiNgcwele. Hlala nam unaphakade. Enkosi Yesu!”

 

Yintoni elandelayo? Qala iQela leBhayibhile

Sindleka iQela leBhayibhile nabahlobo bakho ngokuhlangana qho ngeveki nize nifunde ezi vesi kunye. Oku kuya kukugcina ukhuthazekile ukuba ukhule kolu kholo lwakho lutsha. Ukufunda ezi vesi zeBhayibhile kuya kukunceda ufunde indlela yokuthemba uThixo ngokupheleleyo kwaye ube nobudlelwane obunzulu naYe.

 

• UYohane 14:6
• Kwabase-Efese 2:8-9
• KwabaseRoma 10:9
• Izenzo 2:21
• UPetros 3:9

2: FUNDA

Inyathelo 2: FUNDA

Funda iBhayibhile ukuze ufunde malunga nokuba ungubani uThixo kwaye Uncinga njani

 

Unakho Ukumazi uThixo

Omnye wemibuzo yokuqala ebuzwa ngumlandeli kaYesu osemtsha kukuba, “Ndingakwazi njani okulindelwe nguThixo kum?” Impendulo ilula: funda iBhayibhile.

 

IBhayibhile lilizwi elivuselelwe nguThixo elibalisa ngebali elinge*nakuze liphele likaThixo elandela abantu Abathandayo. Yabhalwa kwiminyaka engaphezu kweenkulungwane, ibalisa imbali kunye nezicwangciso zekamva zabantu baKhe. Ukuchitha ixesha ufunda ilizwi laKhe kusifundisa izinto ezimbini:
1. Ukuba uThixo ungubani
2. Ukuba yintoni Ayifunayo kuthi

 

Ngenxa yoko, iBhayibhile iyasiguqula, ibumbe iintliziyo kunye nobomi bethu, kwaye kusisondeza kuThixo.

 

Okuthethwa nguThixo malunga neBhayibhile

EBhayibhileni, uThixo uthetha izinto ezibalulekileyo ezi-3 malunga nelizwi laKhe. Ezi ziivesi, malunga namandla eBhayibhile, ekumele uzikhumbule njengokuba ukhula kukholo lwakho olutsha kuYesu.

 

1. IBhayibhile lilizwi likaThixo elinyanisekileyo – “Sonke isibhalo, siphefumlelwe nguThixo nje, sikwancedela ukufundisa, ukohlwaya, ukululeka, ukuqeqesha okusebulungiseni, ukuze umntu kaThixo afaneleke, exhobele wonke umsebenzi olungileyo” (KuTimoti II, 3:16). IBhayibhile ayigcwelanga nje ngamagama okufunda xa uphakathi kwamanye amaKristu. Igcwele yinyani eluncedo kubomi bemihla ngemihla – inyani ekwenza uxhobele wonke umsebenzi olungileyo.

 

2. Ilizwi likaThixa liphilile kwaye liyasebenza kuba livuselelwa nguThixo ophilayo nosebenzayo – “Kuba ilizwi likaThixo liphilile, lisebenza, libukhali ngaphezu kwamakrele onke antlangothi mbini; lihlaba liphumele, lide lahlule umphefumlo kwanomoya, amalungu kwanomongo; linokugweba iingcingane nezicamango zentliziyo” (KumaHebhere 4:12). Ngamazwi aseBhayibhileni, uThixo unamandla okukutshintsha nokukuguqula ube ngulo mntu uThixo afuna ube nguye.

 

3. Okona sinelizwi likaThixa ezintliziyweni zethu, kokona uThixo ekwazi ukusikhokelela kufuphi naYe. “Ndiyibeké intetho yakho entliziyweni yam,
Ukuze ndingoni kuwe” (Indumiso 119:11). Kukho iintlobo ezininzi zezilukuhli kweli hlabathi nezisihendayo ukuba siphile ngendlela ekungamelanga siphile ngayo. Singazilwa ezo zinto zisihendayo xa silazi ilizwi likaThixo noko Akulindeleyo kuthi.

 

Ngoku Kuthweni?

Onke amaKristu, ingakumbi la matsha, kumele afunde kwaye ayigocagoce iBhayibhile mihla le.

 

Eyona ndawo ilungileyo unokuqala kuyo yincwadi kaYohane. Ukufunda incwadi kaYohane kuya kunceda uliqonde ngcono ibali likaYesu nendlela elinefuthe ngayo ebomini bakho.

 

Ngamanye amaxesha iBhayibhile ingakudidekisa kuqala. Oko kulungile. Uze ungaphelelwa ngamandla! Hlala ufunda ilizwi likaThixo kwaye xa into ingacacanga, thandaza uze ucele uThixo akucacisele.

 

Isixhobo esiluncedo sokuqonda ngcono amacandelo eBhayibhile kukubhala phantsi iimpendulo zale mibuzo mithathu:
• Ithini le vesi malunga noThixo?
• thini le vesi malunga nabantu?
• Ndingayithobela njani le nto ndiyifundileyo?

 

Khumbula ukuba isizathu sokufunda iBhayibhile kukuba nobudlelwane obungcono kunye noThixo kunye nokuphila ngendlela uThixo afuna uphile ngayo. Yenza ukufunda iBhayibhile kube yinxalenye eqhelekileyo yobomi bakho bamihla le uze ubukele izinto ezingummangaliso aza kwenzela zona uThixho ngenxa yokuziikela kwakho!

 

Qala iQela leBhayibhile

Sindleka iQela leBhayibhile nabahlobo bakho ngokuhlangana qho ngeveki nize nifunde ezi vesi kunye. Oku kuya kukugcina ukhuthazekile ukuba ukhule kolu kholo lwakho lutsha. Ukufunda ezi vesi zeBhayibhile kuya kukunceda ufunde indlela yokuthemba uThixo ngokupheleleyo kwaye ube nobudlelwane obunzulu naYe.

 

• KuTimoti II, 3:16-7
• KumaHebhere 4:12
• EkaYakobi 1:22
• Iindumiso 18:30

3: THANDAZA

Inyathelo 3: THANDAZA

THANDAZA uThixo. Yiba nencoko naYe.

 

Sinomnxeba wothungelwano oya ngqo kuMdali wehlabathi! Uyayikholelwa loo nto?! Ngummangaliso ukucinga ukuba uThixo wethu ogqibeleleyo ufuna ukuva kubantu abangagqibelelanga abafana nathi.

 

Musa ukuyiNtsonkothisa

Ukuba uyafana noninzi lwabantu, ungenza ubudlelwane bakho noThixo buntsonkothe kakhulu. Kodwa akunyanzelekanga ukuba bubenjalo. Ubudlelwane bakho noThixo busebenza ngendlela enye nobu bakho nabahlobo bakho – nikhathalelene, nichitha ixesha kunye, kwaye niyixabisile into ethethwa ngomnye.

 

Umthandazo kukucitha nje ixesha nokuthetha noThixo. Yincoko enyanisekileyo kunye naYe apho uphawulayo ukuba iindlela zaKhe zingaphaya koko unokukuqonda. Ekupheleni, umthandazo uya kukunceda ufunde ukuthemba uThixo ngayo yonke into ebomini bakho.

 

Qalisa ukuThandaza

Le ngcamango ingavakala ngathi iyoyikisa. Ukuba iyakoyikisa, awuwedwa. Abantu kuye kwafuneka bafunde indlela yokuthandaza iinkulungwane ngeenkulungwane. Eyona ndlela ingcono yokufumanisa indlela yokuthetha noThixo kukuqalisa ukwenza njalo! Zinike ixesha yonke imihla lokuhlala kwindawo ezolileyo uze uqalise ukuthetha – njengaxa uthetha nomhlobo wakho osenyongweni.

 

EBhayibhileni, uThixo usixelele izinto ezibalulekileyo ezimbini malunga nokuthandaza:

 

1. Uyasicela ukuba sithethe kwaye senze izicelo zethu zaziwe nguYe. Kwilizwi laKhe, Usixelela ukuba, “Ningaxhaleli nto. Endaweni yokuxhala, thandaza. Mazithi iingcelo zenu ezintweni zonke, zaziswe kuye uThixo. Ngaphambi kokuba uyazi, imvakalo yokuphelela kukaThixo, yonke into ehlanganayo ngokuhle, iya kufika ikuzinzise. Ingummangaliso into eyenzekayo xa uKristu esusa ixhala ebomini bakho.” (KwabaseFilipi 4:6-7). Okukokona sithandaza, kokukokona sithembela kuThixo. Kwaye okukokona sithembela kuThixo, kokukokona kusehla ukuxhalaba ngobomi.

 

2. Uyasikhumbuza ukuba imithandazo yethu inamandla. “Sínamandla kakhulu isikhungo selungisa, siyeyisa” (EkaYakobi 5:16). Ukukhula kubudlelwane bethu noThixo kuthetha ukuba siyaguqulwa sibe ngaba bantu uThixo afune sibe ngabo. Kwaye okukokona sikhula kubuKristu, kokukokona sisiba namandla kwimithandazo yethu.

 

I-A.C.T.S.

Inyaniso kukuba uThixo akadingi ukuba sithandaze sisebenzisa indlela ethile yokuthandaza. Kodwa ke kukho umfuziselo – indlela yokumisa imithandazo yakho – ethe yafunyaniswa iluncedo ngabantu abaninzi kule minyaka idlulileyo. Isekelwe kwesi sishunqulelo sithi, “A.C.T..S.” esimele: U-Adoration (Ukudumisa), Confession (Ukuzibika), Thanksgiving (Ukubulela), kunye no-Supplication (Ukucela)

 

• Ukudumisa kukubonisa uthando lwakho lukaThixo.
• Ukuzibika kukuvuma izono zakho nokucela uxolo kuThixo.
• Ukubulela kukunika umbulelo kuThixo ngozuko lwaKhe ebomini bethu nokusixolela kunye nokuthi “enkosi: ngento yonke Ayenzileyo.
• Ukucela kukucela uThixo akuncede ebomini bakho nasebomini babanye abantu.

 

Zinike ixesha lokuthandaza nokuthetha noThixo imihla ngemihla!

 

Qala iQela leBhayibhile

Sindleka iQela leBhayibhile nabahlobo bakho ngokuhlangana qho ngeveki nize nifunde ezi vesi kunye. Oku kuya kukugcina ukhuthazekile ukuba ukhule kolu kholo lwakho lutsha. Ukufunda ezi vesi zeBhayibhile kuya kukunceda ufunde indlela yokuthemba uThixo ngokupheleleyo kwaye ube nobudlelwane obunzulu naYe.

 

• KwabaseFilipi 4:6-7
• KuYohane I, 5:14
• UYeremiya 29:12
• KwabaseTesalonika I, 5:16-18
• KwabaseKolose 4:2

4: MAMELA

Inyathelo 4: MAMELA

Mamela ukuze uve ilizwi likaThixo.

 

Yonke indoda nebhinqa eyakhe yathandaza ilangazelela impendulo ecacileyo evela kuThixo, impendulo egqalileyo yesicelo esigqalileyo.

 

Ngaphaya koko, uThixo uthembisa ukuba ukuba siyazisondeza kuYe, Uya kuzisondeza kuthi (kuYakobi 4:8). Ngoko ke, kwamkelekile ukucinga ukuba Akafuni nje ukuva kuwe kuphela, koko Ufuna nokuthetha nawe. Into ephambili ekufumaniseni ukuba uThixo ufuna ukuthini kuwe inento yokwenza NAWE!

 

Makungabikho Ziphazamisi

Into ephambili ekufumaniseni nasekuqondeni iimpendulo zikaThixo kwimithandazo yakho kukwenza ixesha lokukhe ume kwaye umamele. Masithethe inyani, wonganyelwe kakhulu yingxolo kunye namazwi avela kwiimbombo zonke, kangangokuba kunganzima ukugxila kumsebenzi omnye. Ukuba kunzima ukwenza umsebenzi, cingela indlela ekunzima ngayo ukuva uThixo phakathi kwazo zonke ezo ziphazamisi!

 

Konke oku kuthetha ukuba ukuze umamele uThixo, uve oko Akuthethayo, fumana indawo ethuleyo apho unokuzinzisa intliziyo kunye nengqondo yakho. Oku kuthetha ukuba cima zonke ii-iPhone, iithablethi, iikhompyutha kunye neewotshi ze-apple ezikhuphisana ngengqiqo yakho.

 

Le, yinto esiyalelwa yiBhayibhile ukuba siyenze kwincwadi kaMateyu:
“Ke wena, xa sukuba uthandaza, ngena egumbini lakho, uthi, uluvalile ucango lwakho, uthandaze kuYihlo osemfihlekweni; Vela ubekho ngokulula nangenyaniso kangangoko unakho. Uya kuyeka ukujonga kuwe koko ugxile kuThixo, kwaye aya kuluva uzuko lwakhe.”

 

Xa ugxila kuphela kunxibelelwano noThixo nokuva oko Afuna ukwabelana nawe ngako, uya kufumana umyalelo, ithemba kunye neempendulo kwimithandazo.

 

Iindlela ezi-3 Athetha Ngazo uThixo

Kukho iindlela ezintathu ubuncinane athi uThixo athethe ngazo. Kakade, zikhona nezinye. UThixo nguThixo kwaye angathetha nawe nangayiphi indlela Afuna ngayo. Kodwa, ezi zezona ndlela ziqhelekileyo oza kuva ngazo kuYe.

 

1. UThixo uthetha nathi ngeBhayibhile – amazwi Akhe avuselelayo. Kuthiwa “Lilizwi Eliphilileyo” kuba livuselelwe nguThixo ophilayo, amazwi Akhe aguqula ubomi bethu qho siwafunda. Xa sifunda iBhayibhile, uMoya oNgcwele kaThixo uyasinceda sive ilizwi laKhe ngendlela egqale kulo meko sikuyo ngelo xesha.

 

2. UThixo uthetha nathi “ngelizwi elincinci elizolileyo.” (OoKumkani I, 19:12) UThixo akazukhwaza, angxole aze afune ukuba unike ingqalelo. Endaweni yokuba abebukhali ngolo hlobo, Ufuna ukuhlangabezana nathi. Inyaniso kukuba, Uhlala ethetha nathi, kwaye Ukwenza oko ngesandi esifuna ukuba sinike ingqalelo. Uthethela Phantsi, ukuze nimve, kufuneka nimmamelisise kakuhle.

 

3. UThixo uthetha nathi “ngengqina eliya ngaphakathi.” Xa usiba ngumlandeli kaYesu, uThixo ukunika isipho soMoya oyiNgcwele waKhe. UMoya oyiNgcwele uyasigweba xa sisenza izigqibo ezigxwenxa, usikhokele xa sidinga ukuboniswa indlela, uze usithuthuzele xa sisiva kabuhlungu. UMoya oyiNgcwele ukwasebenza njengonozakuzaku phakathi kwakho noThixo. Ngamanye amaxesha, uThixo uthungelana ukusuka kumoya waKhe ukuya kowakho, uze umoya wakho uthungelane nentliziyo yakho nengqondo. UThixo akhathungelani nathi ngale ndlela sithungelana ngayo omnye nomnye. Uthungelana ukusuka kuMoya waKhe ukuya kumoya wakho, uze umoya wakho uthungelane nentliziyo yakho nengqondo.

 

Le yile nto sithi lingqina eliya ngaphakathi. Ingakhangeleka ngathi yingcinga okanye yinto ekukhokelayo. Ayikhwazi. Ukuze ufike kule ndawo apho uThixo athetha nawe ngale ndlela, kufuneka kwakhona uhlangane naYe kwindawo ezolileyo rhoqo.

 

Okukokona uchitha ixesha neNkosi, kwaye okukokona uzilolonga ekumameliseni ilizwi laKhe, kokukokona ilizwi laKhe liza kuba lilizwi “eliduduma ngokubalulekileyo” (uYobhi 37:5).

 

Abanye abantu bathi, “Hayi ke, uThixo akathethi nam. Andizange ndaMva!” Kodwa kukho inyaniso ebalulekileyo: nokuba awuvakalelwa ngathi uThixo uyathetha nawe, Uyathetha. Eneneni, kunokwenzeka Uzama ukufumana ingqalelo yakho ngoku.

 

Ukuba awulindelanga kuva kuYe, awukasivuli nokusivula isamkeli!

 

Qala iQela leBhayibhile

Sindleka iQela leBhayibhile nabahlobo bakho ngokuhlangana qho ngeveki nize nifunde ezi vesi kunye. Oku kuya kukugcina ukhuthazekile ukuba ukhule kolu kholo lwakho lutsha. Ukufunda ezi vesi zeBhayibhile kuya kukunceda ufunde indlela yokuthemba uThixo ngokupheleleyo kwaye ube nobudlelwane obunzulu naYe.

 

• UYeremiya 33:3
• KwabaseFilipi 4:9
• Iindumiso 34:4
• Iindumiso 85:8
• Imizekeliso 1:33

5: NXIBELELANA

Inyathelo 5: NXIBELELANA

Nxibelelana nabanye abangamaKristu

 

Ukuba yinxalenye yoluntu lwenkolo akubalulekanga nje. Yinxalenye yentsingiselo yakho!

 

UThixo akakuyilelanga ukuba uphile wedwa. Eneneni, ixesha ekukuphela kwalo apho uThixo wachaza izidalwa zaKhe esithi “azilunganga” kuxa indoda yayiyodwa. Ngoko, Wamnika iqabane, umfazi, ukuba aphile ubomi naye.

 

Inyaniso kukuba somelele nangakumbi xa siphila ubomi bobuKristu kunye nabalandeli bakaYesu – oku sithi luluntu lwe-“Bandla” lamaKristu. Udinga ukungqongwa ngabanye abalandeli bakaYesu ukuze bakukhuthaze kwaye bakufundise iinyaniso ezintsha ngoThixo. Udinga abalandeli bakaYesu ukuze unqule nabo kwaye uthandaze nabo ukuze ukholo lwakho lomelele nangakumbi.

 

Isigqibo sakho sokulandela uYesu sesona sigqibo sibalulekileyo uya kuze usenze. Qhubeka nokukhulisa ubudlelwane bakho noThixo ngokufumana abanye abahlobo abangamaKristu abanokukuxhasa.

 

Cinga ngamaKristu owaziyo. Yabelana ngale ngcamango kunye nabo uze ubacele bathethe nawe nangakumbi malunga nohambo lwabo lwezenkolo.

 

IBandla

Igama lesiGrike “lebandla” elisetyenziswayo eBhayibhileni, lithetha “ukuhlangana” okanye “indibano”. Umongo weli gama kukuba abalandeli bakaYesu baya kuhlangana ukuze baphile kunye njengoluntu. Oku kuthetha ukuba abantu kwibandla baya kubumbana ngoYesu, bafunde ilizwi likaThixo kunye, bathandane, bakhuthazane ngamaxesha eenzingo, bancedane ukuze bafane nangakumbi noYesu, kwaye baphile njengosapho lwamaKristu.

 

Njengokuba ngoku ungumKristu, kubalulekile ukuba ufumane ibandla lakho; uluntu lwakho lwabalandeli bakaYesu.

 

Umzimba kaKristu

UYesu wathi, “ndiya kulakha ibandla lam” (kuMateyu 16:18). UPawulose, umtyali webandla lokuqala, wabhala kwileta yakhe eya kumaKristu e-Efese, “ngokuba indoda le iyintloko yomfazi, njengokuba naye uKristu eyintloko yebandla eli; waye yena ngokwakhe enguMsindisi wawo umzimba” (kwabase-Efese 5:23). Ngamanye amazwi, ibandla lelikaYesu.

 

Ngenxa yoko, ibandla lichazwa njengo-“mzimba kaKristu.” Uyintloko baze abantu ngokwentetho babe ngumzimba waKhe. Oku kuthetha ukuba umlandeli ngamnye kaYesu apha ehlabathini uyinxalenye yomzimba, usebenzela injongo eyodwa nenkulu kuneyabantu abangaphandle kwalo mzimba. Umzimba ubiziwe ukuze unakekele abantu bawo kwaye uyayiqonda into yokuba ukuba umntu omnye uyasokola, wonke umntu uva ubuhlungu.

 

Ukusebenzela uThixo

Njengamalungu “omzimba kaKristu”, kufanele sicinge ngendlela esinokulisebenzisa ngayo ixesha lethu, iitalente kunye noovimba bethu ukuze sisebenzele uThixo. Unendima eBandleni, kusapho lukaThixo, kwaye kubalulekile ukuba uchithe ixesha ucinga malunga neenjongo zakho.

 

Esinye sezizathu sokuba kufuneke sibe yinxalenye yoluntu lwamaKristu kukuba, xa sihlangene sisonke, sifumana ubizo lwethu, intsingiselo kunye nezicwangciso zikaThixo ngobomi bethu.

 

Iinkolelo

Usenokucinga ukuba, “Luhlobo luni lebandla endilikhangelayo?” Kakade, ukuba akukho mabandla maninzi apho ukhoyo, kunganyanzeleka ulakhe ekhayeni lakho. Kodwa ukuba unalo ithuba lokukhangela ibandla, nalu uluhlu lweenkolelo ezisisithethe, iinkolelo zebhayibhile nezilisiko ekumele uzikhangele. Ukuba uluntu lwabalandeli bakaYesu luyazamkela, nawe ungalamkela elo bandla.

 

• Inkolelo kuThixo omnye, oziziqu zithathu – uNyana, uYise noMoya oyiNgcwele. Unothando, ungcwele kwaye unobulungisa.
• Inkolelo yokuba iBhayibhile liLizwi likaThixo. Ivuselelekile kwaye ichanekile. Sisikhokelo sethu esigqibeleleyo kuyo yonke imiba yobomi.
• Inkolelo yokuba isono siye sasihlukanisa noThixo, nokuba singabuyelana noThixo kuphela ngoYesu uKristu.
• Inkolelo yokuba uYesu Kristu unguThixo ukwaNgumntu. Wakhawulwa ngoMoya oyiNgcwele kwaye wazalwa yintombi uMariya. Waphila ubomi obungenasono, wathabathela zonke izono zethu kuYe, wafa waphinda wavuka. Namhlanje, Uhleli ekunene kukaYise njengoMpriste oPhezulu kunye noMthetheleli wethu.
• Inkolelo yokuba usindiso sisipho sikaThixa ebantwini. Esi sipho siqaliswa luzuko ngokukholelwa kuYesu uKristu kwaye sivelisa imisebenzi emkholisayo uThixo.
• Inkolelo yokuba ukubhabhatizwa ngamanzi sisenzo esiya ngaphandle ukubonisa ukuziphawula kwekholwa ngokufa, ukungcwatywa nokuvuka ekufeni kukaYisa.
• Inkolelo yokuba uMoya oyiNgcwele nguMthuthuzeli wethu. Uyasikhokela kwiinkalo zonke zobomi bethu. Ukwasisikelela ngezipho zezomoya kwaye asixhobise ukuze sivelise iziqhamo zoMoya.
• Inkolelo yokuba uMthendeleko oNgcwele lubhiyozo lokufa kukaYesu nendlela esiMkhumbula ngayo.
• Inkolelo yokuba uThixo ufuna ukuguqula, ukunyanga nokusandisa, ukuze siphile ubomi obusikelelekileyo nobunoloyiso obuya kuphembelela kwaye buncede abanye.
• Inkolelo yokuba sibiziwe ukuba sishumayele igospile kuzo zonke iintlanga. Inkolelo yokuba iNkosi yethu uYesu Kristu uyabuya kwakhona njengoko Ethembisile.

 

Ekugqibeleni, khangela indawo apho unokuba yinxalenye yoluntu oluya kukunceda usondele nangakumbi kuThixo kwaye umnqule kakuhle. Kungekuko ukuba ibandla liyakusindisa. NguYesu kuphela owenza oko. Kodwa okukokona usondela kuThixo, kokukokona uza kufuna ukuMnqula, ufunde ilizwi laKhe, uze wakhe uluntu kunye nabanye abalandeli bakaYesu.

 

Qala iQela leBhayibhile

Sindleka iQela leBhayibhile nabahlobo bakho ngokuhlangana qho ngeveki nize nifunde ezi vesi kunye. Oku kuya kukugcina ukhuthazekile ukuba ukhule kolu kholo lwakho lutsha. Ukufunda ezi vesi zeBhayibhile kuya kukunceda ufunde indlela yokuthemba uThixo ngokupheleleyo kwaye ube nobudlelwane obunzulu naYe.

 

• Izenzo 2:42-44
• KwabaseKorinte I, 12:21-31
• Abase-Efese 4:15-16
• UPetrose I, 4:10
• KumaHebhere 10:24 AM

6: NQULA

Inyathelo 6: NQULA

Nqula uThixo kuko konke okwenzayo.

 

Wawudalelwe ubudlelwane noThixo. Ingeyiyo loo nto kuphela – wawudalelwe ukunqula uThixo!

 

Kuba ubomi bethu bubonke budalelwe ukuba bube sisenzo sokunqula uThixo, konke esikuthethayo okanye esikwenzayo kunentsingiselo.

 

Ukufunda ukulandela uYesu kuyinto enye nokufunda ukunqula uThixo ngobomi bakho.

 

Yintoni ukunqula?

Ukunqula kukuhlonela – ukuphila ngale ndlela uThixo afuna siphile ngayo. Yindlela esisabela ngayo kukulunga kunye nobungcwele bukaThixo. (Indumiso 29:2) Ngamanye amazwi, ngenxa yalo mntu uThixo anguye, sinqwenela ukuphila ubomi obulungileyo.

 

Ukunqula ikwayindlela ocinga ngayo – ukumangaliswa bubungcwele, amandla kunye nokulunga kukaThixo. UThixo wenza amazulu nomhlaba, iigalaksi ezingenakubalwa kunye neenkwenkwezi ezintle esibhakabhakeni. Uzigcina zonke izinto zihlangene kwaye unomonde kuthi xa sisonakalisa. Wasithanda kakhulu kangangokuba Wathumela unyana waKhe ekuphela kwamzeleyo ukuze asifele ukuze zonke izono zethu kunye neziphako zethu zibe nokuhlambululeka unaphakade.

 

Ngubani obenokungamangaliswa ngumntu onjalo?!

 

Ngoko, ukunqula zizo zombini indlela ocinga ngayo kunye nendlela ophila ngayo. Kukwamkelwa kobungcwele bukaThixo kunye nokuzinikela ekuphileni ubomi ngale ndlela uThixo afuna ngayo.

 

Iintlobo zokunqula

Ukukunceda ube nokuqonda indlela ekukhangeleka ngayo kubomi bakho bamihla le, nantsi imizekelo emithathu esebenzisekayo yokunqula:

 

1. Ingoma. Enye yezona ndlela ziqhelekileyo zokunqula uThixo kukuMculela. KwabaseKolose 3:16, umtyali webandla lokuqala, uPawulose, usiyalela ukuba siculele uThixo “iindumiso, amaculo, kunye neengoma zomoya” . Umbhali weNdumiso 100:2 usikhumbuza ukuba “Yizani phambi kwakhe nimemelela.” Ebudeni bembali yabantu, umculo uye wasetyenziswa njengendlela yokunqula.

 

2. Ukungazijikwa UPawulose, kwileta yakhe kumaKristu okuqala aseRoma, wabhala wathi, “Ndiyanivuselela ngoko, bazalwana… ukuba niyinikele imizimba yenu ibe lidini eliphilileyo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo-inkonzo yenu ke leyo yasengqondweni. Kanjalo ningamilisi okweli phakade; manibe kumila kumbi ngokuhlaziyeka kwengqiqo yenu. Ukuze nikucikide into okuyiyo ukuthanda kukaThixo- okulungileyo, okukholekileyo, okuzalisekileyo”

 

Ngokuvumela uThixo akuguqule endaweni yokuguqulwa lihlabathi; ngokungajikwa zizinto ezilindelekileyo ehlabathini, unqula uThixo.

 

3. Emakwenziwe. Ukuhlonela ayikokuhlonela kwenene de ukuphile.

 

• Xa sixolela abanye ngolu hlobo uThixo asixolele ngalo nathi, kwaye siphile ngendlela emkholisayo uThixo, kukunqula oko!
• Xa sithatha ixesha ukuze sithi kuThixo, “enkosi”, kukunqula oko.
• Xa sithanda abalingane bethu kunye nabantwana bethu ngolu hlobo uYesu alithanda ngayo ibandla, kukunqula oko.
• Xa sinikezela ngoovimba bethu ebandleni, kukunqula oko.
• Xa sibonisa uzuko komnye umntu kuba uThixo esibonise uzuko, kukunqula oko.

 

Ukunqula yindlela esiphila ngayo!

 

Khokelela Abanye kuMnyango oVuliweyo

Cinga ngokunqula ngolu hlobo: Xa umntu ekubambele ucango njengokuba ungena kwisakhiwo; okanye ukuba umntu ukuhlawulela ukutya erestyu, uba nombulelo kangangokuba ufuna ukwenzela omnye umntu oko. Kukunqula oko. UThixo wathumela unyana waKhe kwiphulo lokuhlangula ihlabathi nangona besingakufanelanga oko. Ukunqula kukwenza ngokufanayo kubantu uThixo ababeka ebomini bethu.

 

UThixo uvule ucango ukwenzela ubudlelwane kunye naYe. Kuxhomekeke kuthi ukuba siphile ngendlela ebangela nabanye abantu bafune ukungena kolu cango nabo. Kwaye xa oko kusenzeka, sibuphilile ubomi bokunqula!

 

Qala iQela leBhayibhile

Sindleka iQela leBhayibhile nabahlobo bakho ngokuhlangana qho ngeveki nize nifunde ezi vesi kunye. Oku kuya kukugcina ukhuthazekile ukuba ukhule kolu kholo lwakho lutsha. Ukufunda ezi vesi zeBhayibhile kuya kukunceda ufunde indlela yokuthemba uThixo ngokupheleleyo kwaye ube nobudlelwane obunzulu naYe.

 

• Iindumiso 29:2
• KwabaseRoma 12:1
• KumaHebhere 10:25 AM
• UPetrose I, 2:5-6
• UIsaya 12:5
• KwabaseRoma 12:4-8

7: QHEKEZA

Inyathelo 7: QHEKEZA

Qhekezela abanye abantu ngezi ndaba zilungileyo zikaYesu.

 

Elinye lamanyathelo okuqala ekumele silithathe sonke balandeli bakaYesu kukubhaptizwa. Le yindlela:
1. esilandela ngayo umzekelo kaYesu wokubhaptizwa
2. esibhengeza ngayo elubala ukuba singabalandeli baKhe.
3. Indlela esiqhekezela abanye ukuba sikholelwa ekufeni, kukungcwatywa nokuvuka kukaYesu nokuba sifuna ukuphilela Yena.

 

Ukubhaptiza akusisindisi. NguYesu kuphela, ayizozenzo zethu ezinokuyenza loo nto. Ukubhaptizwa ngowona mqondiso ubalulekileyo wokwenzekileyo ebomini bethu nakwiintliziyo zethu njengomntu othe wathemba uYesu.

 

Xa sibhaptiziwe, siqalisa ubomi bokuqhekezela abanye ababekwe nguThixo endleleni yethu ngeendaba ezilungileyo!

 

Ubiziwe ukuze Uqhekeze

UYesu ubiza abalandeli baKhe ukuze baqhekeze iGospile kwaye bancede abanye abantu basabele isimemo sikaThixo sokujoyina usapho lwaKhe.

 

Ngaphambi kokuba alishiye eli hlabathi, Wayalela abalandeli baKhe ukuba, “Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizivakalise iindaba ezilungileyo kuyo yonke indalo. Lowo ukholiweyo wabhaptizwa, wosindiswa; ke yena ongakholwanga, wogwetywa” (uMariko 16:15-16).

 

Ingcinga yakho yokuqala isenokuba kukuba, “Andinakuze ndiqhekezele omnye umntu ngeGospile! Kungona ndisaqalisa ukuyiqonda nam!” Ukuba ucinga loo nto, awuwedwa. Kuyoyikisa ukuba nomfanekiso-ngqondweni wokuthetha nomnye umntu ngenkolo yobuKristu.

 

IiNkolelo ezisiSiseko zokuQhekezela abanye ngeNkolo Yakho

Nangona kusoyikeka, ungathemba ukuba uThixo ukunye nawe ukuze akomeleze kwaye akunike amazwi afanelekileyo ukuba uwathethe. Ngoko, xa ukhumbula loo nto, nazi iinkolelo ezisisiseko ezintathu zokuqhekezela abanye ngenkolo yakho kaYesu, abanye abangaMaziyo:

 

1. Ngaphaya koko, phila ubomi bakho usebenzela uThixo ngokwenene ukuze abantu baphawule into eyahlukileyo ngawe. Phila ubomi bokunyaniseka ukuze ungabonwa njengomhanahanisi. Qalisa ukuthandazela abantu abakungqongileyo; ukuba uThixo avule iincoko zenkolo kunye nabo.

 

Khumbula ukuba uThixo akakuceli ukuba usindise nawuphi na umntu, koko Ufuna nje ubaqhekezele ngento ayenzileyo ebomini bakho. NguMoya oyiNgcwele kuphela onokuvula amehlo abantu kunye neentliziyo zabo enyanisweni kaThixo.

 

2. Musa ukoyika. UThixo unawe kwinyathelo ngalinye olithathayo. Xa ufumana ithuba lokuthetha malunga nokholo lwakho, musa ukoyika. Akukho sidingo sokuba wazi yonke impendulo enokubakho kuba uThixo uza kukwenzela loo nto.

 

Into nje ekufuneka uqhekezele abanye ngayo yindlela uThixo abutshintshe ngayo ubomi bakho. Gxila kumahluko owenziwe kukulandela uYesu. Vela uchaze indlela esingaboni ngayo kwaye sidinga ukuxolelwa – uThixo uza kuyenza yonke enye into.

 

3. Mazise omnye umntu ukuba awahlukanga kubo ngokusebenzisa amazwi afana no-“si” kunye no-“nathi”. Kholelwa kwaye uzethembe uze uyeke uThixo athethe njengokuba eZiveza kwabanye ngawe.

 

Inyaniso kukuba awuyazi ukuba lixesha elingakanani uThixo esebenza kuloo mntu nakuwe, ngoko sukuphelelwa ngamandla ukuba kuthatha ixesha ngaphambi kokuba umntu “ayive”.

 

Qala iQela leBhayibhile

Sindleka iQela leBhayibhile nabahlobo bakho ngokuhlangana qho ngeveki nize nifunde ezi vesi kunye. Oku kuya kukugcina ukhuthazekile ukuba ukhule kolu kholo lwakho lutsha. Ukufunda ezi vesi zeBhayibhile kuya kukunceda ufunde indlela yokuthemba uThixo ngokupheleleyo kwaye ube nobudlelwane obunzulu naYe.

 

• KwabaseRoma 6:3-5
• KuLuke 3:21-22
• KuMateyu 28:19
• KuMariko 16:15
• Iindumiso 105:1
• UPetrose I, 03:15 AM
• Izenzo 1:8

Dinga uncedo?

Iipesenti eziyi-100 zabucala.

  • This field is for validation purposes and should be left unchanged.

Copyright © 1Bilion.org | Privacy Policy