1. Uthando

UThixo uyakuthanda kwaye unecebo ngawe.

IBhayibhile ithi, “Kuba wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade” (uYohane 3:16).

UYesu wathi, “Mna ndizele ukuze babe nobomi, babe nabo ke ngokugqithisileyo” – ubomi obupheleleyo obuzele yintsingiselo (uYohane 10:10).

2. Sahlukene

Sinezono kwaye sahlukene noThixo.

Sonke siye senza, sacinga okanye sathetha izinto ezigxwenxa, eye iBhayibhile ithi “sisono”. IBhayibhile ithi, “kuba bonile bonke, basilelela eluzukweni lukaThixo” (kwabaseRoma 3:23).

Umvuzo wesono kukufa, ukohlukana noThixo ngokwasemoyeni (kwabaseRoma 6:23).

3. UYesu

UThixo wathumela uYesu ukuze afele izono zethu.

Ezi ziindaba ezilungileyo:

UYesu wasifela ukuze sibe nobudlelwane noThixo kwaye sihlale naYe unaphakade.

“ke yena uThixo uqondakalisa okwakhe ukusithanda ngokuthi, sakubon’ ukuba sisengaboni, uKristu asifele” (KwabaseRoma 5:8).

Kodwa akuzange kuphelele ngokufa kwaKhe emnqamlezweni. Wavuka kwakhona kwaye usaphila!

“uKristu wazifela izono zethu … wangcwatywa, nokokuba uvukile ngomhla wesithathu ngokwezibhalo” (KwabaseKorinte I, 15:3-4)

UYesu kukuphela kwendlela eya kuThixo.

UYesu wathi, “Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi; akukho namnye uzayo kuBawo, engezi ngam” (uYohane 14:6).

4. Thandaza

Thandaza ukuze uxolelwe nguThixo.

Ukuthandaza kukuthetha nje noThixo. Uyakwazi. Into ebalulekileyo yindlela engayo intliziyo yakho kunye nokunyaniseka kwakho. Thandaza umthandazo ololu hlobo ukuze wamkele uYesu njengoMsindisi wakho:

 

“Yesu Kristu,
ndicela uxolo ngezinto ezigxwenxa endizenzileyo ebomini bam.  Enkosi ngokundifela eMnqamlezweni, ngokundikhulula ezonweni zam nangokundixolela namhlanje.  Nceda ungene ebomini bam uze undizalise ngoMoya oyiNgcwele. Hlala nam unaphakade.

Enkosi Yesu!”

Ngaba uthandazile?


Fumana imiyalezo EMAHLUKA yemihla ngemihla ngoYesu Krestu.

Yimfihlelo ngokupheleleyo (100%)

  • This field is for validation purposes and should be left unchanged.

Bhayibhile yasimahla

Ukukhuphela usetyenziso